32 Abanye ke ngoko babenkqangaza enye into, abanye yimbi, kuba ibandla labe lidubadubekile; baye abaninzi bengazi ukuba babuthelene ngenxa yantoni na.
33 Bamrhola ke esihlweleni uAlesandire, akubon' ukuba amaYuda amtyhalela phambili; uwangawangisile ke uAlesandire ngesandla, wafuna ukuziphendulela eluntwini.
34 Kodwa bakuqonda ukuba ungumYuda, benza inzwinini enye bonke bephela, benkqangaza umzuzu omaxa mabini, besithi, Mkhulu uArtemis wabase-Efese!
35 Esizolisile ke umbhali isihlwele, uthe, Madoda ase-Efese, kanene nguwuphi na umntu ongàziyo, ukuba umzi wase-Efese ungumgcini-tempile wothixokazi omkhulu uArtemis, nowomfanekiselo owawa kuZeyus.*
36 Zingenakuphikwa nje ke ezo zinto, nimelwe kukuthi nizole, ningenzi nanye into ngobutyhuthu-tyhuthu,
37 Kuba niwazise apha la madoda, engebaphangi batempile, nàbanyelisi bothixokazi wenu.
38 Ukuba ke ngoko uDemetriyo neengcibi ezinaye banendawo emntwini, zikho iimini zamatyala, akho namabamba; mabamangalelane.