4 Wathi ke uPawulos, UYohane okunene wabhaptiza ubhaptizo lwenguquko, esithi ebantwini, mabakholwe kulowo uzayo emva kwakhe, oko kukuthi, kuKristu Yesu.
5 Bevile ke, babhaptizelwa egameni leNkosi uYesu.
6 Uthe uPawulos akubeka izandla phezu kwabo, wehla uMoya oyiNgcwele phezu kwabo, baye bethetha ngeelwimi, beprofeta.
7 Aye ke amadoda lawo ewonke engathi alishumi elinamabini.
8 Ke kaloku, wangena endlwini yesikhungu, wathetha ngokungafihlisiyo iinyanga zantathu, exoxa nabantu, ebeyisela kwizinto ezingabo ubukumkani bukaThixo.
9 Ke bakuba abathile belukhuni, bengaphulaphuli, bethetha okubi ngayo iNdlela leyo phambi komhlambi, wesuka kubo, wabahlula abafundi, exoxa imihla ngemihla esikolweni sikaTirano.
10 Oku ke kwenzeka iminyaka emibini, ngokokude bonke abemiyo kwelaseAsiya balive ilizwi leNkosi uYesu, amaYuda kwanamaGrike.