1 Ke kaloku, ekuzalisekeni kwawo umhla wepentekoste,* baye bonke bemxhelo mnye ndaweni-nye.
2 Kwaza ngequbuliso kwaphuma ezulwini isandi esinjengesomoya ovuthuza ngamandla, sayizalisa indlu yonke ababehleli kuyo.
3 Kwabonakala kubo iilwimi ezabekayo, ngathi zezomlilo, lwaolo lwahlala phezu kwabo bonke ngabanye.
4 Bazaliswa bonke nguMoya oyiNgcwele, baqala ukuthetha ngalwimi zimbi, njengoko uMoya wayebanika ukuba bathethe baphimisele.
5 Ke kaloku kwakumi eYerusalem apho amaYuda, amadoda awoyika uThixo, evela kuzo zonke iintlanga eziphantsi kwezulu.
6 Sithe ke sakubakho esi sandi, yabuthelana inkitha, yadubadubeka, ngokuba bonke ngabanye babebeva bona bethetha ngezakomawabo iintetho.