14 Ke kaloku uPetros, esuke wema nabalishumi elinamnye, waliphakamisa izwi lakhe, waphimisela ukuthetha, wathi kubo:Madoda, maYuda, nani nonke nimiyo eYerusalem, makwazeke oku kuni, niwabekele iindlebe amazwi am.
15 Aba àbanxilile, njengoko nina niba kunjalo, kuba kuselilixa lesithathu lemini.
16 Oku khona koko kuthethiweyo ngomprofeti uYoweli, kwathiwa,
17 Kuya kuthi ngayo imihla yokugqibela, utsho uThixo,Ndimthulule uMoya wam phezu kwayo yonke inyama,Baprofete oonyana benu neentombi zenu,Athi amadodana enu abone imibono,Namadoda enu amakhulu aphuphe amaphupha;
18 Ewe, ndaye, phezu kwabakhonzi bam, naphezu kwabakhonzazana bam, ngaloo mihlaNdíya kumthulula uMoya wam, baprofete;
19 Ndénze izimanga ezulwini phezulu,Nemiqondiso emhlabeni phantsi,Igazi, nomlilo, nentshinyela yomsi.
20 Ilanga liya kusuka libe mnyama,Ithi inyanga ibe ligazi,Phambi kokuba ize imini yeNkosi,Leyo inkulu ibalulekileyo.