26 Ngenxa yoko intliziyo yam yaba nemihlali, lwagcoba ulwimi lwam;Ngaphezu koko ke nenyama yam iya kuphumla inethemba;
27 Ngokuba akuyi kuwushiya umphefumlo wam kwelabafileyo.Kananjalo akuyi kumnikela oyiNgcwele wakho ekuboneni ukubola.
28 Wandazisa iindlela zobomi;Ùya kundizalisa ngemihlali ngokubona ubuso bakho.(INdum. 16:8-11)
29 Madoda, bazalwana, mandivunyelwe ndithethe kuni ngokuphandle ngomawokhulu uDavide, ukuba wafa wangcwatywa; nengcwaba lakhe likho phakathi kwethu unanamhla.
30 Ngoko, kuba engumprofeti, esazi nokwazi ukuba uThixo wamfungela isifungo sokuba esiqhameni sesinqe sakhe ngokwenyama uya kuvelisa uKristu,* ukuba ahlale phezu kwetrone yakhe:
31 uthe ebona ngenxa engaphambili, wathetha ngako ukuvuka kukaKristu, ukuba umphefumlo wakhe ungashiywanga kwelabafileyo nenyama yakhe ingabonanga kubola.
32 UThixo wamvusa lo Yesu, esingamangqina ako oko thina sonke.