18 Akufika ke kuye, wathi kuwo:Niyazi kakuhle nina, kususela kwimini yokuqala endathi qatha ngayo kwelaseAsiya, ukuba ndathini na ukuhlala kwam nani lonke ixesha,
19 ndikhonza eNkosini, ndínako konke ukuthobeka kwentliziyo, neenyembezi ezininzi, nokulingwa okwandihlelayo ngamayelenqe amaYuda:
20 okokuba andinifihlelanga nto, ndanityela onke amalungelo; ndanifundisa ekuhleni nakwizindlu ngezindlu,
21 ndiqononondisa kumaYuda nakumaGrike ukuguqukela kuThixo, nokukholwa kuyo iNkosi yethu, uYesu Kristu.
22 Nangoku, yabonani, ndiya mna eYerusalem, ndibotshiwe nguMoya, ndingazazi izinto eziya kundihlela khona;
23 ndanele ukwazi ukuba uMoya oyiNgcwele uqononondisa kwimizi ngemizi, esithi ndilindwe ngamakhamandela naziimbandezelo.
24 Andikhathalele nanye yezi zinto; kanjalo nobomi bam obu andinqabe nabo, ukuze ndilufeze uhambo lwam ngovuyo, nolungiselelo endalwamkelayo eNkosini uYesu, lokuqononondisa iindaba ezilungileyo zobabalo lukaThixo.