1 Ke kaloku, emva kweentsuku ezintlanu, wehla umbingeleli omkhulu, uHananiya, enamadoda amakhulu, neciko elithile elinguTertulo, bona bengabamangaleli bakaPawulos kwirhuluneli.
2 Uthe ke akubizwa, waqala uTertulo ukummangalela, esithi:
3 Sisiva uxolo olukhulu ngawe nje, zikho nje nezenzo eziluncedo ezenzelwe olu hlanga ngokwazalela kwakho, sikwamkela oko sibulela ngako konke, amaxesha onke, nasezindaweni zonke, Felikis odume kunene.
4 Ke ukuze ndingabi sakubambezela ngakumbi, ndiyakubongoza ukuba ukhe usive kancinane ngokuthantamisa kwakho.
5 Kuba siyifumene le ndoda isisifo, umphambanisi kuwo onke amaYuda akwelimiweyo, ingumkhokeli walo ihlelo lamaNazarete;
6 eyathi yalinga ukuyihlambela netempile: esathi sayibamba, safuna ukuyigweba ngowethu umthetho;
7 usuke uLisiya, umthetheli-waka, wafika, wayihlutha ngamandla amakhulu ezandleni zethu;