3 Sisiva uxolo olukhulu ngawe nje, zikho nje nezenzo eziluncedo ezenzelwe olu hlanga ngokwazalela kwakho, sikwamkela oko sibulela ngako konke, amaxesha onke, nasezindaweni zonke, Felikis odume kunene.
4 Ke ukuze ndingabi sakubambezela ngakumbi, ndiyakubongoza ukuba ukhe usive kancinane ngokuthantamisa kwakho.
5 Kuba siyifumene le ndoda isisifo, umphambanisi kuwo onke amaYuda akwelimiweyo, ingumkhokeli walo ihlelo lamaNazarete;
6 eyathi yalinga ukuyihlambela netempile: esathi sayibamba, safuna ukuyigweba ngowethu umthetho;
7 usuke uLisiya, umthetheli-waka, wafika, wayihlutha ngamandla amakhulu ezandleni zethu;
8 wathi, mabeze kuwe abamangaleli bayo, ongáthi wena ngokwakho, wakuzincina zonke iindawo, ube nako ukuziqonda kuye ezo siyimangalela ngazo thina.
9 NamaYuda ke avumelana naye, athi kunjalo kanye.