10 Uthe ke uPawulos, Ndimi esihlalweni sokugweba sikaKesare, apho limele ukuthethwa khona ityala lam. AmaYuda andiwonanga nganto, njengokuba nawe usazi kakuhle.
11 Kuba okunene ukuba ndonile, ndenza into elingene ukufa, andali kufa; kodwa ukuba akukho nanye yezo zinto bandimangalela ngazo aba, akukho namnye unako ukundinikela kubo. Ndibhenele kuKesare.
12 Waza uFesto, akuba ethethe nephakathi, waphendula wathi, Ùbhenele kuKesare; ùya kuya kuKesare.
13 Ke kaloku, kwakubon' ukuba kudlule imihla ethile, uAgripa, ukumkani, noBhernike bafika eKesareya, besiza kubulisa uFesto.
14 Bakulibala khona ke imihla emininzi, uFesto wazandlala phambi kokumkani lowo izinto ezingaye uPawulos, esithi, Kukho ndoda ithile ishiyiweyo nguFelikis, ikhonkxiwe,
15 abathe ababingeleli abakhulu namadoda amakhulu amaYuda, oko ndibe ndiseYerusalem, bayimangalela, becela ukuba igwetywe.
16 Endathi ukubaphendula, Asilosiko lamaRoma ukubabala ngomntu abulawe, phambi kokuba lowo umangalelweyo akhangelane nabamangaleli bakhe, azuze nethuba lokuziphendulela ngalo ityala lakhe.