17 Bakuba ngoko bebuthelene apha, àndilibazisanga; ngomhla olandelayo ndahlala esihlalweni sokugweba, ndathi mayiziswe indoda leyo.
18 Abamangaleli bayo, bakùvela, abamisanga nalinye ityala lezo zinto bendizindlela kuzo mna;
19 ke baye beneembuzwano ezithile nayo ngokuhlonela kwabo izithixo, nangaYesu uthile ufileyo, abesithi yena uPawulos uhleli.
20 Ndakuthingaza ke mna ngawo umbuzo wale ndawo, ndathi, Ùnga ungaya eYerusalem na, lithethwe khona ityala lezi zinto?
21 Akubon' ukuba ke uPawulos ubhenele ukuba agcinelwe isigwebo soMhlekazi, ndathi makagcinwe, ndide ndimthumele kuKesare.
22 Wathi ke uAgripa kuFesto, Bendinga nam ndingakhe ndimve umntu lowo. Wathi ke yena, Ùya kumva ngomso.
23 Uthe ke akufika ngengomso uAgripa enoBhernike, benendili enkulu, bengene nasendaweni yokuphulaphulela amatyala, benabathetheli-waka namadoda amakhulu omzi, waziswa uPawulos ngezwi likaFesto.