7 Uthe ke akufika, amaYuda abehle evela eYerusalem, amngqonga, emtyhola ngamatyala amaninzi anzima uPawulos, awayengenako ukuwamisa;
8 esithi yena ukuziphendulela, Nasemthethweni wamaYuda, nasetempileni, nakuKesare,* andonanga nto.
9 Ke uFesto, efuna ukuzithandisa kumaYuda, umphendule uPawulos wathi, Ùyathanda na ukunyuka uye eYerusalem, lithethwe khona ityala lezi zinto phambi kwam?
10 Uthe ke uPawulos, Ndimi esihlalweni sokugweba sikaKesare, apho limele ukuthethwa khona ityala lam. AmaYuda andiwonanga nganto, njengokuba nawe usazi kakuhle.
11 Kuba okunene ukuba ndonile, ndenza into elingene ukufa, andali kufa; kodwa ukuba akukho nanye yezo zinto bandimangalela ngazo aba, akukho namnye unako ukundinikela kubo. Ndibhenele kuKesare.
12 Waza uFesto, akuba ethethe nephakathi, waphendula wathi, Ùbhenele kuKesare; ùya kuya kuKesare.
13 Ke kaloku, kwakubon' ukuba kudlule imihla ethile, uAgripa, ukumkani, noBhernike bafika eKesareya, besiza kubulisa uFesto.