15 Ndathi ke mna, Ungubani na, Nkosi? Yathi ke yona, Mna ndinguYesu omtshutshisayo.
16 Vuka, ume ngeenyawo; kuba ndibonakele kuwe ngenxa yoku, ukuba ndikumise ube ngumkhonzi nengqina lezi zinto uzibonileyo, nendiya kubonakala kuwe ngazo;
17 ndikunyothula ebantwini nasezintlangeni, endikuthuma kuzo ngokunje;
18 ukuba uvule amehlo abo, ukuze babuye ebumnyameni, beze ebumhlotsheni; babuye egunyeni likaSathana, beze kuThixo; ukuze bamkele uxolelo lwezono, nelifa phakathi kwabangcwalisiweyo, ngokukholwa kum.
19 Ekuthe koko, kumkani Agripa, andaba nguye ongawululameliyo umbono wasemazulwini;
20 ndesuka ndababikela abaseDamasko kuqala, nabaseYerusalem, nakulo lonke ilizwe lakwaYuda, nakuzo iintlanga, ukuba baguquke babuyele kuThixo, benze imisebenzi efanele inguquko.
21 Ngenxa yezi zinto amaYuda andibamba etempileni, azamela ukundibulala.