21 Ngenxa yezi zinto amaYuda andibamba etempileni, azamela ukundibulala.
22 Ngoko ndizuze uncedo kuThixo nje, ndimisile kude kube yile mini, ndingqina komncinane nakomkhulu, ndingathethi nanye into ngaphandle kwezo, bathi abaprofeti noMoses ziza kubakho;
23 zokuba uKristu* ubeza kuva iintlungu, nokuba ubeza kuthi, engowokuqala eluvukweni lwabafileyo, azise ukukhanya ebantwini nasezintlangeni.
24 Ke kaloku, akubon' ukuba uyaziphendulela ngokunjalo, uFesto wathi ngezwi elikhulu, Ùyageza, Pawulos; imfundo eninzi iyakugezisa.
25 Wathi ke yena, Andigezi, Festo odume kunene; ndiphimisela amazwi enyaniso nawengqondo ephilileyo.
26 Kuba ezo ndawo úyazazi kakuhle ukumkani, endithetha kuye ngokungafihlisiyo; kuba ndikholosekile kukuba akukho nanye yezi zinto ifihlakeleyo kuye; kuba le nto ibingenzelwanga egumbini.
27 Ùyakholwa na, kumkani Agripa, ngabaprofeti? Ndiyazi ukuba uyakholwa.