23 Ke kaloku, bakummisela imini, kweza kuye into eninzi endlwini abehlala kuyo, wabatyhilela, ebaqononondisa kunene, ubukumkani bukaThixo; kananjalo ebebeyisela kokungoYesu, ethabatha emthethweni kaMoses kwanakubaprofeti, eqala kusasa ahlwise.
24 Yaye inxenye iseyiseka ngaloo mazwi athethwa nguye, yaye inxenye ingàkholwa.
25 Bakuba ke bengavumelani, banduluka, akubon' ukuba uPawulos uthethe zwi-nye, wathi,
26 Watyapha uMoya oyiNgcwele ukuthetha ngoIsaya umprofeti koobawo bethu, esithi,Hamba uye kwaba bantu, uthi,Ukuva oku niya kuva, ningakhe niqonde;Nithi nibona nje, nibone, ningakhe niqiqe.
27 Kuba intliziyo yaba bantu ithe fithi kukutyeba;Beva nzima ngeendlebe,Bewacima namehlo abo;Hleze babone ngamehlo,Beve ngeendlebe,Baqonde ngeentliziyo,Bajike, ndibaphilise.(UIsaya 6:9,10)
28 Makwazeke ngoko kuni, ukuba usindiso lukaThixo luthunyelwe kuzo iintlanga; ziya kuluva zona.
29 Akuba etshilo, emka amaYuda, enembuzwano enkulu phakathi kwawo.