1 Ke kaloku, uPetros, noYohane babenyuka bendawonye, besiya etempileni ngexesha lomthandazo, ililixa lesithoba.
2 Kwaye ke kuthwelwe ndoda ithile, ibisisiqhwala kwasekuzalweni kwayo, ababeyibeka imihla ngemihla emnyango wetempile, lowo kuthiwa Mhle, ukuba icele amalizo kwabangénayo etempileni;
3 eyathi, yakubona uPetros noYohane beza kungena etempileni, yacela ukuba bayilize.
4 Uthe ke uPetros, enoYohane, eqwalasele kuyo wathi, Khangela kuthi apha.
5 Yabagqala ke, ilinde ukwamkela into kubo.
6 Wathi ke uPetros, Isilivere negolide andinayo, kodwa endinako ndikunika khona: egameni likaYesu Kristu umNazarete, vuka uhambe.