3 eyathi, yakubona uPetros noYohane beza kungena etempileni, yacela ukuba bayilize.
4 Uthe ke uPetros, enoYohane, eqwalasele kuyo wathi, Khangela kuthi apha.
5 Yabagqala ke, ilinde ukwamkela into kubo.
6 Wathi ke uPetros, Isilivere negolide andinayo, kodwa endinako ndikunika khona: egameni likaYesu Kristu umNazarete, vuka uhambe.
7 Wayibamba ngesandla sokunene, wayivusa; zomelezeka ke kwalapho iinyawo zayo namaqatha ayo.
8 Yesuka umtsi, yema, yahambahamba, yangena nabo etempileni, ihambahamba itsiba, imdumisa uThixo.
9 Baza bonke abantu bayibona ihambahamba, idumisa uThixo;