2 bebindekile ngenxa yokuba befundisa abantu, bekuxela ukuvuka kubo abafileyo ngoku kukaYesu ukuvuka.
3 Babesa izandla, babafaka entolongweni, kwada kwaba lingomso; kuba bekuse kuhlwile.
4 Ke kaloku into eninzi yâbo babelivile ilizwi, yakholwa; lathi inani lamadoda langa limawaka mahlanu.
5 Kwathi ke ngengomso, kwahlanganiselana eYerusalem abaphathi babo, namadoda amakhulu, nababhali,
6 noAnas umbingeleli omkhulu, noKayafa, noYohane, noAlesandire, nabo bonke abomlibo wombingeleli omkhulu.
7 Bathe bakuba bebamise phakathi, bababuza besithi, Le nto nina niyenze ngamandla mani na, nangagama lini na?
8 Wandula uPetros, ezele nguMoya oyiNgcwele, wathi kubo, Nina baphathi babantu, nani madoda makhulu akwaSirayeli,