1 Ke kaloku indoda ethile, uHananiya ngegama, inoSafira umkayo, yathengisa ngemfuyo yayo.
2 Yashinta kulo ixabiso layo, esazi naye umkayo; yazisa nxenye ithile, yayibeka ezinyaweni zabapostile.*
3 Wathi ke uPetros, Hananiya, kungani na ukuba uSathana azalise intliziyo yakho, ukuba umxokise uMoya oyiNgcwele, ushinte kulo ixabiso lomhlaba?
4 Oko úbe uhleli, ubungahleli kuwe na? Kanjalo úthengisiwe, ubungekhona na egunyeni lakho? Yini na ukuba uyibeke le nto entliziyweni yakho? Akuxoké kubantu, uxoke kuThixo.