3 Wathi ke uPetros, Hananiya, kungani na ukuba uSathana azalise intliziyo yakho, ukuba umxokise uMoya oyiNgcwele, ushinte kulo ixabiso lomhlaba?
4 Oko úbe uhleli, ubungahleli kuwe na? Kanjalo úthengisiwe, ubungekhona na egunyeni lakho? Yini na ukuba uyibeke le nto entliziyweni yakho? Akuxoké kubantu, uxoke kuThixo.
5 Ewavile ke uHananiya la mazwi, wawa, waphuma umphefumlo; kwabakho ukoyika okukhulu kubo bonke ababezivile ezi zinto.
6 Asuka ke amadodana amsonga, amthwalela phandle, amngcwaba.
7 Kwaba mzuzwana ke, ngathi ngowamaxa amathathu, wathi umkakhe, engayazi loo nto ihlileyo, wangena.
8 Umphendule ke uPetros wathi, Ndixelele, umhlaba lo wakhutshelwa inani elingáka na? Wathi ke yena, Ewe, elingako.
9 Uthe ke uPetros kuye, Yini na ukuba nivumelane ngokumlinga uMoya weNkosi? Uyabona, iinyawo zabo bangcwabe indoda yakho sezisemnyango; baya kukuthwalela phandle.