33 Bathe ke bona bakukuva oko, bahlabeka entliziyweni, babhunga ukuba babasike.
34 Ke kaloku kwesuka kwema othile entlanganisweni yamatyala, umFarisi ogama linguGamaliyeli, umfundisi womthetho, obekekileyo kubantu bonke, wathi makhe bakhutshelwe phandle kancinane abapostile; wathi kubo,
35 Madoda, maSirayeli, zilumkeleni ngento eniza kuyenza kwaba bantu.
36 Kuba ngaphambi kwale mihla, kwesuka uTuda, esithi yena ngokwakhe unguthile; ekwanamathela kuye inani lamadoda angathi amakhulu mané; ngowasikwayo lowo; bathi bonke ababemthambele babhangazeka, ababa nto.
37 Emva kwalowo kwesuka uYuda welaseGalili, ngemihla yobhalo lomlibo wokuzalwa, wakhukulisa abantu banela; naye lowo watshabalala; baza bonke ababemthambele bachithwachithwa.
38 Kungoku ke ndithi kuni, Khwelelani kwaba bantu nibayeke; ngokuba eli cebo, nalo msebenzi, ukuba lingaba lelabantu, lotshitsha:
39 ukuba ke lelikaThixo, aninakulitshitshisa; hleze nifunyanwe ningábalwá kwanoThixo.