5 Ewavile ke uHananiya la mazwi, wawa, waphuma umphefumlo; kwabakho ukoyika okukhulu kubo bonke ababezivile ezi zinto.
6 Asuka ke amadodana amsonga, amthwalela phandle, amngcwaba.
7 Kwaba mzuzwana ke, ngathi ngowamaxa amathathu, wathi umkakhe, engayazi loo nto ihlileyo, wangena.
8 Umphendule ke uPetros wathi, Ndixelele, umhlaba lo wakhutshelwa inani elingáka na? Wathi ke yena, Ewe, elingako.
9 Uthe ke uPetros kuye, Yini na ukuba nivumelane ngokumlinga uMoya weNkosi? Uyabona, iinyawo zabo bangcwabe indoda yakho sezisemnyango; baya kukuthwalela phandle.
10 Wawa ke kwalapho ezinyaweni zakhe, waphuma umphefumlo; bangena ke abafana, bamfumana efile, bamthwalela phandle, bamngcwabela ngasendodeni yakhe.
11 Kwabakho ukoyika kulo lonke ibandla, nakubo bonke abazivayo ezi zinto.