30 Kuthe ke kwakuzaliseka iminyaka emashumi mané, kwabonakala kuye kwintlango yentaba yeSinayi isithunywa seNkosi, elangatyeni lomlilo etyholweni.
31 Ke kaloku, akukubona oko uMoses, wamangaliswa ngumbono lowo. Kuthe ke, akusondela ukuba awuqiqe, kwafika izwi leNkosi kuye lisithi,
32 Mna ndinguThixo wabo ooyihlo, uThixo ka-Abraham, uThixo kaIsake, uThixo kaYakobi. Wesuka ke wagubha uMoses, akaba nabuganga bakuwuqiqa.
33 Ithe ke kuye iNkosi, Zithukulule iimbadada ezinyaweni zakho; kuba indawo leyo umi kuyo ingumhlaba ongcwele.
34 Ndikubonile ndakubona ukuphathwa kakubi kwabantu bam abaseYiputa, ndakuva nokuncwina kwabo; ndihlile, ukuze ndibahlangule. Yiza ngoku, ndikuthume eYiputa.
35 Lo Moses bamkhanyeláyo, besithi, Ùmiswe ngubani na, ukuba ube ngumphathi nomahluli? uThixo wathuma yena, ukuba abe ngumphathi nomhlanguli ngesandla sesithunywa esabonakalayo kuye etyholweni.
36 Yena lowo wabakhupha, akubon' ukuba wenzé izimanga nemiqondiso emhlabeni waseYiputa, naseLwandle oluBomvu,* nasentlango, iminyaka engamashumi omané.