45 lo kanjalo bawungenisáyo, benikelana ngawo oobawo bethu, benoYoshuwa ekuthinjweni kweentlanga, ezo wazigxothayo uThixo ebusweni boobawo bethu, kwada kwayimihla kaDavide;
46 owababalwayo nguThixo, wacela ukuba amfumanele uThixo kaYakobi umnquba.
47 NguSolomon ke owamakhela indlu.
48 Noko Osenyangweni yena akemi zitempileni zenziwe ngazandla; njengokuba esitsho umprofeti ukuthi,
49 Izulu liyitrone yam,Ke ihlabathi sisihlalo seenyawo zam;Yindlu enjani na eniya kuyakhela mna? itsho iNkosi;Yiyiphi na yona indawo yokuphumla kwam?
50 Àsisisandla sam na, esenza zonke ezo zinto?(UIsaya 66:1,2)
51 Nina bantamo zilukhuni, bangalukileyo ngentliziyo, nangendlebe, nihleli nibambene noMoya oyiNgcwele; njengabo ooyihlo, nani ninjalo.