52 Kubo abaprofeti nguwuphi na ongatshutshiswanga ngooyihlo? Bababulala ababexela ngenxa engaphambili ukuza koliLungisa; enithe kalokunje naba ngabanikeli nababulali bakhe;
53 nina nawamkelayo umthetho, niwumiselwa zizithunywa zezulu, anawugcina.
54 Ke kaloku, bathi bakuziva ezi zinto, bahlabeka ezintliziyweni zabo, bamtshixizela amazinyo.
55 Ke yena, ezele nguMoya oyiNgcwele, waqwalasela ezulwini, wabona ubuqaqawuli bukaThixo, noYesu emi ngasekunene kukaThixo.
56 Wathi, Yabonani, ndiwabona amazulu evulekile, ndimbona uNyana woMntu emi ngasekunene kukaThixo.
57 Badanduluka ke ngezwi elikhulu, bazivingca iindlebe zabo, besuka indulumbane phezu kwakhe ngamxhelo mnye,
58 bamkhuphela ngaphandle komzi, bamgibisela ngamatye. Amangqina azibeka iingubo zawo ezinyaweni zendodana ekuthiwa nguSawule.