7 Nohlanga olo, ethe yangamakhoboka kulo, ndiya kulugweba mna, watsho uThixo; yaye, emveni kwezi zinto, iya kuphuma indikhonze kule ndawo.
8 Waza wamnika umnqophiso wolwaluko; wathi yena ekuwo, wazala uIsake, wamalùsa ngomhla wesibhozo, waza uIsake wamenjenjalo uYakobi, waza noYakobi wabenjenjalo oomawokhulu abalishumi elinababini.
9 Bathi oomawokhulu, bemmonele uYosefu, bathengisa ngaye, bamsingisa eYiputa; kodwa uThixo waba naye,
10 wamncothula kuzo zonke iimbandezelo zakhe, wambabala ngobulumko phambi koFaro, ukumkani waseYiputa; wammisa ukuba abe yirhuluneli phezu kweYiputa nendlu yakhe iphela.
11 Ke kaloku kwafika indlala kuwo umhlaba waseYiputa uphela, nowakwaKanan, nembandezelo enkulu; baye oobawo bethu bengafumani kudla.
12 Akuva ke uYakobi ukuba kukho ingqolowa eYiputa, wesusa oobawo bethu okokuqala.
13 Wathi ngokwesibini, uYosefu wabuya waziwa ngabazalwana bakhe, saza isizalwane sikaYosefu saveliswa kuFaro.