32 Ke kaloku, akuba uPetros etyhutyha iindawo zonke, wehla weza nakwabangcwele ababemi eLida.
33 Wafumana ke khona umntu othile, ogama linguEneya, eminyaka isibhozo elele elukhukweni enedumbe.
34 Wathi uPetros kuye, Eneya, úyakuphilisa uYesu Kristu; vuka, wandlule. Wavuka kwaoko.
35 Bambona bonke ababemi eLida naseSharon, babuyela eNkosini.
36 Ke kaloku, eYopa kwakukho mfundikazi uthile, ugama linguTabhita, ekuthiwa ngentetho evakalayo nguDorkas;* yena lowo wayezele yimisebenzi elungileyo, nasisisa abenaso.
37 Wathi ke ngaloo mihla, wahliwa sisifo, wafa; bathe ke bakuba bemhlambile, bambeka egumbini eliphezulu.
38 Ke kaloku iLida ibikufuphi nje neYopa; bathi abafundi, bevile ukuba uPetros ukhona, bathuma amadoda amabini kuye, bembongoza ukuba eze kubo, angalibali.