13 Obo bungqina buyinene.Ngenxa yeli thuba bóhlwaye kabukhali, badane, ukuze baphile elukholweni;
14 banganyamekeli zintsomi zabuYuda, namithetho yabantu abayinikela umva inyaniso.
15 Izinto zonke zihlambulukile kwabahlambulukileyo; kwabadyobhekileyo nabangakholwayo, akukho nto ihlambulukileyo; kusuke kwadyobheka nengqiqo nesazela sabo.
16 Bayavuma ukuba bayamazi uThixo; kanti ngayo imisebenzi bayamkhanyela, bengamasikizi, bengabangevayo, nakumsebenzi wonke olungileyo bengenakucikideka.