3 ukuba abafazi abakhulu kwangokunjalo babe nesimilo esibafaneleyo, bangabi ngabatyholi; bangazilahleli kwiwayini eninzi;
4 bafundise okuhle; ukuze bayale abafazana ukuba babe nesidima, bawathande amadoda abo, babathande abantwana babo, babe nesidima,
5 babe nyulu, basebenze ezindlwini zabo, babe nokulunga, bawathobele awabo amadoda, ukuze ilizwi likaThixo linganyeliswa.
6 Kwangokunjalo amadoda amatsha wayale ukuba abe nesidima.
7 Ezintweni zonke zénze umzekelo wemisebenzi emihle; emfundisweni ube ngomsulwa, ngondilekileyo,
8 ngolizwi liphilileyo, lingenakugwetywa; ukuze ochasayo abe neentloni, engenanto imbi yakuthetha ngani.
9 Amakhoboka wathethele ukuba azithobele iinkosi zawo, abe ngakholekileyo kakuhle ezintweni zonke, engaphiki;