2 Mabanganyelisi namnye umntu, bangabi nakulwa, babe nokuthantamisa, bebonakala benobulali bonke kubantu bonke.
3 Kuba nathi sibe sifudula singabasweli-kuqonda, singeva, silahleka, sikhonza iinkanuko neziyolo ngeziyolo, sihleli ngolunya nomona, sinezothe, sithiyana.
4 Kodwa kuthe kwakubonakala ububele bukaThixo, uMsindisi wethu, nokuthanda kwakhe abantu,
5 kungengamisebenzi esebulungiseni esayenzayo thina, kungokwenceba yakhe, wasisindisa ngentlambululo yokuzalwa ngokutsha, nangokuhlaziya koMoya oyiNgcwele;
6 awamthululayo phezu kwethu ngokobutyebi, ngoYesu Kristu uMsindisi wethu;
7 ukuze sithi, sígwetyelwé ngobabalo lwalowo, sibe ziindlalifa zobomi obungunaphakade ngokwethemba.
8 Lithembekile ilizwi elo; nezo zinto ndinga ungaziqinisela, ukuze banyameke, benze imisebenzi emihle, abo bakholiweyo kuThixo. Ezo zinto zintle, zinokubanceda abantu.