8 Lithembekile ilizwi elo; nezo zinto ndinga ungaziqinisela, ukuze banyameke, benze imisebenzi emihle, abo bakholiweyo kuThixo. Ezo zinto zintle, zinokubanceda abantu.
9 Ke yona imibuzo yobudenge, nemilibo yokuzalwa, neenkani, nokulwa ngawo umthetho, zinxweme, kuba azincedi lutho, asinto zanto.
10 Umntu ongumahlukanisi, akuba elulekwe kanye nokuba kukabini, mmangale;
11 ùsazi ukuba onjalo ugwenxeke kwaphela; ùyona, ezigwebile ngokwakhe.
12 Xenikweni ndithe ndathuma kuwe uArtemas, nokuba nguTikiko, khawuleza uze kum eNikopolis; kuba ndigqibe kwelokuba ndobudlulisa ubusika khona apho.
13 UZenas, umqondisi-mthetho, noApolos, báxhobisele indlela ngokunyameka, ukuze bangasweli nto.
14 Abethu mabafunde ke ukwenza imisebenzi emihle yokunceda abaswele kanzima, ukuze bangabi ngabangenasiqhamo.