15 Okunene abathile bamvakalisa uKristu ngomona neenkani, abanye ke bamvakalisa ngokokuzithandela.
16 Abeyelenqe abo bamazisa uKristu ngokungenyulu, beba baya kongezelela imbandezelo kwiintambo zam;
17 ke aba, bénziwa luthando, bamazisa uKristu besazi ukuba ndimiselwe ukuziphendulela iindaba ezilungileyo.
18 Ibe yini ke? Noko kunjalo, ngeendlela zonke, nokuba kungokunyhwalaza, nokuba kungenyaniso, kwaziswa uKristu. Ndiyavuya kuko oko, ndaye ndisaya kuvuya.
19 Kuba ndiyazi ukuba oku kuya kuphumelela ekusindisweni kwam, ngako ukundikhungela kwenu, nangoncedo loMoya kaYesu Kristu;
20 kuye ngokulangazelela nangokuthemba kwam, ukuba andiyi kudaniswa nganto; úya kusuka ngako konke ukungafihlisi, njengokwamaxesha onke, athi nangoku enziwe mkhulu uKristu emzimbeni wam, nokuba na kungobomi, nokuba kungokufa.
21 Kuba kum mna, ukudla ubomi kunguKristu, ukufa kuyinzuzo.