2 Zilumkeleni izinja, balumkeleni abasebenzi beento ezimbi, balumkeleni aborhunulo.
3 Kuba abolwaluko sithi, thina bakhonza uThixo ngomoya, siqhayise ngoKristu Yesu, singakholosi ngenyama;
4 nakuba mna ndibe ndingakholosayo ngenyama; ukuba kukho bani uba unokukholosa ngenyama, bendingaba ngakumbi mna:
5 ndalukáyo ngomhla wesibhozo, ndingowenzala kaSirayeli, ndingowesizwe sikaBhenjamin, umHebhere wamaHebhere, ngokomthetho ndingumFarisi,
6 ngokwenzondelelo ndilitshutshisa ibandla, ngokobulungisa obo basemthethweni ndingongenakusoleka.
7 Ndisuké, zona ezo zinto zabe ziyinzuzo kum, zona ezo ndazibalela ekuthini ziyinkxwaleko ngenxa kaKristu.
8 Ewe, okunene, ndisuka izinto zonke ndizibalele ekuthini ziyinkxwaleko, ngenxa yokongama kokumazi uKristu Yesu iNkosi yam; endithe ngenxa yakhe ndonakalelwa zezi zinto zonke, ndizibalela ekuthini ziyinkunkuma, ukuze ndimzuze uKristu,