6 ngokwenzondelelo ndilitshutshisa ibandla, ngokobulungisa obo basemthethweni ndingongenakusoleka.
7 Ndisuké, zona ezo zinto zabe ziyinzuzo kum, zona ezo ndazibalela ekuthini ziyinkxwaleko ngenxa kaKristu.
8 Ewe, okunene, ndisuka izinto zonke ndizibalele ekuthini ziyinkxwaleko, ngenxa yokongama kokumazi uKristu Yesu iNkosi yam; endithe ngenxa yakhe ndonakalelwa zezi zinto zonke, ndizibalela ekuthini ziyinkunkuma, ukuze ndimzuze uKristu,
9 ndifunyanwe ndikuye, ndingenabo obam ubulungisa, obo basemthethweni; ndinobo bungokukholwa kuKristu, ubulungisa ke obuphuma kuThixo ngalo ukholo;
10 ukuba ndimazi, kwanamandla ovuko lwakhe, nokuba ndibe nobudlelane naye ngeentlungu zakhe, ndifaniswe noko kufa kwakhe;
11 ukuba ndingáde ndifikelele ekuvukeni kwabafileyo.
12 Kungekuko ukuthi sendamkele, nokuthi sendigqibelele; ke ndiphuthuma ukuba ndingakugánga na nokukugánga oko, ndathi nam ndagangelwa khona nguye uKristu Yesu.