1 Ngoko ke, bazalwana bam abaziintánda, balangazelelwayo, lùvuyo lwam, sithsaba sam, yimani ngokunjalo eNkosini, zintánda.
2 UWodiya ndiyamyala, noSintike ndiyamyala, ukuba bacinge nto-nye beseNkosini.
3 Ndiyakucela nawe, sinxulumana senyaniso, bambisana nabo bafazi bázama nam ezindabeni ezilungileyo, kwanoKlemente, nabanye abasebenzisi bam, abamagama asencwadini yobomi.
4 Vuyani eNkosini amaxesha onke; ndiyaphinda ndithi, Vuyani.
5 Ukuthantamisa kwenu makwazeke kubantu bonke.
6 INkosi ikufuphi. Ningaxhaleli nto; mazithi iingcelo zenu ezintweni zonke, ngako ukuthandaza nokukhunga, ndawonye nokubulela, zaziswe kuye uThixo.
7 Lwaye uxolo lukaThixo, olugqithisele kuko konke ukuqonda, luya kuzigcina iintliziyo zenu neengqiqo zenu kuKristu Yesu.