17 Ingekuko ukuba ndibe ndifuna ukuphiwa; ikukuba ndibe ndifuna isiqhamo esandela emcimbini wenu.
18 Ke ndinezinto zonke nje, ndìtyebile, ndìhluthi, ndìzamkele nje kuEpafrodito izinto ezavela kuni: ivumba elimnandi, umbingelelo owamkelekileyo, okholekileyo kakuhle kuye uThixo.
19 Ke uThixo wam wókwenzelelela konke ukuswela kwenu ngokobutyebi bakhe, ngokozuko olukuKristu Yesu.
20 Kuye ke uThixo, uBawo wethu, malubekho uzuko, kuse emaphakadeni asemaphakadeni. Amen.
21 Bulisani bonke abangcwele abakuKristu Yesu. Bayanibulisa abazalwana abanam.
22 Bayanibulisa bonke abangcwele, ngokukodwa ke aba bendlu kaKesare.*
23 Ubabalo lweNkosi yethu uYesu Kristu malube nani nonke. Amen.