1 Ukuba ngoko navuswa kunye noKristu, funani izinto zaphezulu, apho akhona uKristu, ehleli ngasekunene kukaThixo.
2 Nyamekelani izinto zaphezulu, zingabi zezasemhlabeni.
3 Kuba nafayo, baye ubomi benu bufihlakele ndawonye noKristu kuye uThixo.
4 Xa athe wabonakalaliswa uKristu, obubomi bethu, ngelo xesha niya kubonakalaliswa nani, ninaye ebuqaqawulini.
5 Bhubhisani ngoko amalungu enu asemhlabeni: umbulo, ukungcola, ukuthabatheka okuhlazisayo, inkanuko embi, nokubawa, okuyinkonzo yezithixo kona oko;
6 eza ngenxa yezo zinto ingqumbo kaThixo phezu kwabangevayo;
7 enanifudula nihamba phakathi kwazo nani, okuyá nibe nisidla ubomi nikuzo.