11 apho kungekho mGrike namYuda, kwalùka nokungaluki, mbharbhari* namSkitiya, khoboka namkhululeki; usuke uKristu waba zizinto zonke, waba kubo bonke.
12 Yambathani ngoko, njengabanyulwa bakaThixo, abangcwele, abathandiweyo, iimfesane zeemfefe, ububele, ukuthobeka kwentliziyo, ubulali, ukuzeka kade umsindo, ninyamezelana,
13 nixolelana, ukuba ubani uthi abe nokusola ngakubani; njengokuba naye uKristu wanixolelayo, yenjani njalo nani.
14 Ke, phezu kwazo zonke ezo zinto, yalékani uthando, oluyintambo yogqibelelo.
15 Uxolo lukaThixo, enabizelwa kwakulo mzimbeni mnye, malulawule ezintliziyweni zenu, nibe nokubulela.
16 Ilizwi likaKristu malihlale ngaphakathi kwenu ngokobutyebi; nifundisana, nilulekana ngabo bonke ubulumko; nithi, ngeendumiso neengoma nezango ezizezomoya, nivume kamnandi entliziyweni yenu kuyo iNkosi.
17 Nako konke enisukuba nikwenza ngelizwi, nokuba kungomsebenzi, yenzani izinto zonke egameni leNkosi uYesu, nibulela ngayo kuye uThixo uYise.