1 Ukuqaleka kwayo ivangeli kaYesu Kristu, uNyana kaThixo.
2 Njengoko kubhaliweyo ebaprofetini, kwathiwa,Yabona, mna ndithuma umthunywa wam ngaphambi kobuso bakho,Oya kuyilungisa indlela yakho phambi kwakho.(UMal. 3:1)
3 Izwi lodandulukayo entlango, lisithi,Wulungiseni umendo weNkosi;Zityenenezeni iindlela zayo!(UIsaya 40:3)
4 Kwaye kukho uYohane, ebhaptiza entlango, evakalisa ubhaptizo lwenguquko, ukuze kuxolelwe izono.
5 Laye liphuma lisiya kuye lonke ilizwe lakwaYuda nabaseYerusalem; baye bonke bebhaptizwa nguye eYordan emlanjeni, bezixela izono zabo.