4 Kwaye kukho uYohane, ebhaptiza entlango, evakalisa ubhaptizo lwenguquko, ukuze kuxolelwe izono.
5 Laye liphuma lisiya kuye lonke ilizwe lakwaYuda nabaseYerusalem; baye bonke bebhaptizwa nguye eYordan emlanjeni, bezixela izono zabo.
6 Waye ke kaloku uYohane ambethe uboya benkamela, enombhinqo wentlonze esinqeni sakhe, abe ke esidla iinkumbi nobusi basendle.
7 Wayememeza esithi, Emva kwam kuza lowo unamandla kunam, endingafanelekileyo ukuba ndithobe phantsi, ndiwuthukulule nomtya weembadada zakhe.
8 Mna okunene ndanibhaptiza ngamanzi, ke yena uya kunibhaptiza ngoMoya oyiNgcwele.
9 Kwathi ngaloo mihla kweza uYesu, evela eNazarete yelaseGalili, wabhaptizwa nguYohane eYordan apho.
10 Uthe kwaoko, akuba enyuka ephuma emanzini, walibona izulu likrazulwe, noMoya enjengehobe, esihla phezu kwakhe.