16 Wayengavumi ukuba kubekho ucanda etempileni ethwele isitya.
17 Wayefundisa, esithi kubo, Akubhaliwe na kwathiwa, Indlu yam iya kubizwa ngokuba yindlu yokuthandaza iintlanga zonke? Ke nina niyenzé umqolomba wezihange.
18 Beva ababhali nababingeleli abakhulu; baye befuna ukuba bangáthini na ukumtshabalalisa; kuba babemoyika yena, ngokuba indimbane yonke ibikhwankqisiwe yimfundiso yakhe.
19 Uthe ke kwakuhlwa waphuma, waya ngaphandle komzi.
20 Bathi bedlula kusasa, bawubona umkhiwane lowo womile, uthabathele kwasezingcanjini.
21 Ekhumbule uPetros, uthi kuye, Rabhi,* khangela umkhiwane obuwuqalekisile womile.
22 Uphendule uYesu wathi kubo, Yibani nokukholwa kuThixo.