19 Uthe ke kwakuhlwa waphuma, waya ngaphandle komzi.
20 Bathi bedlula kusasa, bawubona umkhiwane lowo womile, uthabathele kwasezingcanjini.
21 Ekhumbule uPetros, uthi kuye, Rabhi,* khangela umkhiwane obuwuqalekisile womile.
22 Uphendule uYesu wathi kubo, Yibani nokukholwa kuThixo.
23 Kuba inene ndithi kuni, Othe kule ntaba, Funquleka, uphoseke elwandle, angàthandabuzi entliziyweni yakhe, asuke akholwe ukuba ezo zinto azithethayo zinokwenzeka, wokuzuza oko athe wakuthetha.
24 Ngenxa yoko ndithi kuni izinto enisukuba nizicela, nithandaza, kholwani ukuba ninokuzamkela; nòba nazo.
25 Naxa sukuba nimi nithandaza, ukuba ninendawo ngakothile, mxoleleni, ukuze noYihlo osemazulwini anixolele iziphoso zenu.