3 Nokuba ubani uthe kuni, Yini na ukuba nikwenze oko? nòthi, Liyafuneka eNkosini; wothi kwaoko ke alithumele apha.
4 Basuka ke baya, balifumana ithole libotshelelwe ngasemnyango ngaphandle, ekuhlanganeni kweendlela; balikhulula.
5 Baye abathile kwababemi khona besithi kubo, Nenza ntoni na, nilikhulula nje ithole?
6 Bathetha ke kubo njengoko uYesu ebebawisele umthetho ngako; baza babayeka.
7 Balizisa ithole kuYesu; baziphosa iingubo zabo phezu kwalo; wahlala phezu kwalo.
8 Ke kaloku abaninzi bazandlala iingubo zabo endleleni; baye ke abanye bexhuzula amahlamvu emithini, bewandlala endleleni.
9 Baye abo babehamba ngaphambili, nabo babelandela, bedanduluka, besithi, Hosana; makabongwe lo uzayo egameni leNkosi.