19 Mfundisi, uMoses wasibhalela, wathi, Ukuba umzalwana kathile uthe wafa, washiya umfazi, akashiya bantwana, makathi umzalwana wakhe amzeke umfazi wakhe, amvelisele imbewu umzalwana wakhe.
20 Ke kaloku bekukho abazalwana abasixhenxe. Wathi owokuqala wazeka umfazi; waza akufa akashiya mbewu.
21 Uthe owesibini wamzeka, wafa, akashiya mbewu. Wenjenjalo nowesithathu.
22 Bamzeka ke bosixhenxe; àbashiya mbewu. Ekugqibeleni kwabo bonke, wafa naye umfazi.
23 Ngoko eluvukweni, uya kuba ngumfazi wawuphi na kubo? kuba babenaye bosixhenxe engumfazi.
24 Waphendula uYesu wathi kubo, Anilahleki na, ngenxa yale ndawo yokuba ningazazi izibhalo kwanamandla kaThixo?
25 Kuba, xa bathe babuya bavuka kwabafileyo, àbazeki, àbendiswa; banjengazo izithunywa ezisemazulwini.