34 UYesu embonile ukuba uphendule ngengqiqo, wathi kuye, Akukude wena ebukumkanini bukaThixo. Akwaba sabakho mntu ubenobuganga bakumbuza nto.
35 Waphendula uYesu, wathi, efundisa etempileni, Batsho ngani na ababhali ukuthi, UKristu* ungunyana kaDavide?
36 Kuba uDavide ngokwakhe wathi ngoMoya oyiNgcwele,Yathi iNkosi eNkosini yam,Hlala ngasekunene kwam,Ndide iintshaba zakho ndizenze isihlalo seenyawo zakho.(INdun. 110:1)
37 UDavide ngoko ngokwakhe uthi, ÚyiNkosi. Kuvela phi na ke ukuba ngunyana wakhe?Lwaye ke uninzi lwabantu lumva kamnandi.
38 Wayesithi kubo, ekufundiseni kwakhe, Balumkeleni ababhali, abathanda ukuhamba ngeengubo ezinde, nemibuliso ezindaweni zembutho,
39 nezihlalo zobukhulu ezindlwini zesikhungu, nezilili zobukhulu ezidlweni;
40 abazidla bazigqibe izindlu zabahlolokazi, baze benyhwalaza bathandaze uzungu. Aba baya kwamkela ugwebo olugqithisileyo.