41 Waye uYesu ehleli malungana nomkhumbi wokulondoloza imali, ekhangela ukuba sithini na isihlwele ukuphosa imali yobhedu emkhumbini wokulondoloza imali; zaye izityebi ezininzi ziphosa kakhulu.
42 Kwafika mhlolokazi uthile ulihlwempu, waphosa iimalanana zambini eziyikodrante.*
43 Ebabizele kuye abafundi bakhe, uthi kubo, Inene ndithi kuni, Lo mhlolokazi ulihlwempu uphose ngaphezu kwabo bonke abaphosileyo emkhumbini wokulondoloza imali;
44 kuba bonke abo baphose bethabatha kwikhupha labo; ke yena ekusweleni kwakhe uphose konke abenako, impilo yakhe iphela.