7 Ke bona abo balimi bathi phakathi kwabo, Yindlalifa lo; yizani simbulale, ilifa libe lelethu.
8 Bamthabatha ke, bambulala, bamphosa ngaphandle kwesidiliya.
9 Uya kwenza ntoni na ke ngoko umninisidiliya? Wofika abatshabalalise abo balimi, asinikele kubambi isidiliya eso.
10 Anisilesanga na esi sibhalo sithi,Ilitye abalicekisáyo abakhi,Lelona laba yintloko yembombo;
11 Kwavela eNkosini oku,Kungummangaliso emehlweni ethu?(INdum. 118:22,23)
12 Baya befuna ukumbamba, basuka boyika izihlwele, kuba baqonda ukuba uwuthethe ngabo lo mzekeliso. Bamshiya bemka.
13 Bathi bathumela kuye abathile bakubaFarisi bakumaHerode, ukuze bambambise ngokuthetha.