8 Bamthabatha ke, bambulala, bamphosa ngaphandle kwesidiliya.
9 Uya kwenza ntoni na ke ngoko umninisidiliya? Wofika abatshabalalise abo balimi, asinikele kubambi isidiliya eso.
10 Anisilesanga na esi sibhalo sithi,Ilitye abalicekisáyo abakhi,Lelona laba yintloko yembombo;
11 Kwavela eNkosini oku,Kungummangaliso emehlweni ethu?(INdum. 118:22,23)
12 Baya befuna ukumbamba, basuka boyika izihlwele, kuba baqonda ukuba uwuthethe ngabo lo mzekeliso. Bamshiya bemka.
13 Bathi bathumela kuye abathile bakubaFarisi bakumaHerode, ukuze bambambise ngokuthetha.
14 Befikile ke bona, bathi kuye, Mfundisi, siyazi ukuba uyinene, kanjalo akukhathali nangubani; kuba akukhethi buso bamntu, indlela kaThixo uyifundisa ngenene. Kuvumelekile na ukumnika irhafu uKesare,* akuvumelekile, kusini na? Siníkele, singanikeli, kusini na?