14 Ke kaloku, xa nithe nalibona isikizi lesiphanziso,* ekwakuthethwa lona ngoDaniyeli umprofeti, limi apho lingamele kuba khona (olesayo makaqiqe), mabathi ngelo xa abo bakwaYuda basabele ezintabeni.
15 Ophezu kwendlu ke makangehli aye endlwini, angangeni aye kuthabatha into endlwini yakhe.
16 Nalowo usentsimini makangabuyeli emva, aye kuthabatha ingubo yakhe.
17 Yeha ke, abamithiyo nabanyisayo ngaloo mihla!
18 Thandazani ke, ukuze intsabo yenu ingabi khona ebusika.
19 Kuba yona loo mihla iya kuba yimbandezelo, engazanga ibekho enjalo kwasekuqalekeni kwendalo awayidalayo uThixo, kwada kwakalokunje; engasayi kubuya ibekho.
20 Kanjalo ukuba iNkosi ibingayinqamlelanga loo mihla, bekungayi kubakho mntu usindayo; koko ithe ngenxa yabanyulwa ebanyulileyo, yayinqamlela imihla leyo.