21 Ngelo xa ke, ukuba ubani uthe kuni, Nanku apha uKristu, nokuba uthe, Nankuya phaya, musani ukukholwa nguye;
22 kuba kuya kuvela ooKristu ababuxoki, nabaprofeti ababuxoki, benze imiqondiso nemimangaliso yokulahlekisa nabanyuliweyo, ukuba bekunokwenzeka.
23 Lumkani ke nina; yabonani, ndinixelele izinto zonke ngenxa engaphambili.
24 Ngaloo mihla, emveni kwayo loo mbandezelo, liya kusuka ilanga lenziwe mnyama, ithi nenyanga ingabukhuphi ubumhlophe bayo;
25 zithi neenkwenkwezi zezulu zivuthuluke; athi namandla asemazulwini azanyazanyiswe.
26 Baya kumbona ke ngelo xesha uNyana woMntu esiza esemafini, enamandla amakhulu nobuqaqawuli.
27 Uya kuzithuma ngelo xesha izithunywa zakhe, abahlanganisele ndawonye abanyulwa bakhe, baphume kumacala omané omoya, kuthabathela esiphelweni sehlabathi kuse esiphelweni sezulu.