1 Ke kaloku bekuza kubakho ipasika,* izonka ezingenagwele, emveni kweentsuku ezimbini; baye ke ababingeleli abakhulu nababhali befuna ukuba bangáthini na ukumbamba ngenkohliso, bambulale.
2 Babesithi ke, Makungabi khona ngomthendeleko, hleze kubekho isaqunge sabantu.
3 Kuthe eseBhetani, endlwini kaSimon owayeneqhenqa, akubon' ukuba uhleli, kweza umfazi enehlala lelabhastile,* linamafutha enadusi* engangxengelelweyo, exabiso likhulu; walityumza ihlala elo lelabhastile, wamgalela ngawo entloko.
4 Kwaye ke kukho abathile abacaphukáyo phakathi kwabo, besithi, Yenzelweni na le nkcitho yamafutha aqholiweyo?
5 Kuba la mafutha bekungáthengiswayo ngawo ngenani elingaphezu kweedenariyo* ezimakhulu mathathu, kuphiwe amahlwempu; basuka bamfuthela.
6 Uthe ke uYesu, Myekeni; nimaphulelani na? Usebenzé umsebenzi omhle kum;
7 kuba amahlwempu lawo nihleli ninawo, nize xa sukuba nithanda, nibe nako ukuwenzela okulungileyo; ke mna anihleli ninam.